KWAMAQOMA- USiyabonga Duma(30) owadlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesithathu ugwetywe iminyaka engamashumi amabini ethothoza kwezimnyama izisele ngomhla wesibini kule imiyo kwinkudla yengingqi yaKwamaqoma(Eyayibizwa ukuba kuseBhofolo).
Iingxelo zibhentsisa ukuba lentwazana ibingu mntwana wesinqanda-mathe sakhe kwaye kutyholwa ukuba zonke ezizenzo zokumkumdlwengula uziqale phakathi kwenyanga yeDwarha kunye neyeNkanga kunyaka ka2022. Esisixhiliphothi besigada xa unina walomntwana engekho okanye ephantsi kwempembeleko zotywala azenzele azitike kuye amatyeli amaninzi emhlukumeza ngokwesondo.
Ngokwengxelo edizwe sisithethi segunya bantu lezotshutshiso(NPA) eMpuma Koloni uLuxolo Tyali zithi, umtyholwa wayeligrogrisa ngemela ixhoba ukuba liyithe vu lento ayenza kulo uzokulenzakalisa kodwa laba nesibindi sokuxelela umzala walo owathi waxelela abakwantsasana ngokukhawulezileyo.
Ukongeza nangona ummangalelwa ebeliphika ityala kodwa ubungqina obubambekayo bexhoba kunye namangqina angagungqiyo akhokhelele kwesi sigwebo.
Umlawuli wezotshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uthe, “Eli tyala lisisikhumbuzo esicacileyo sokubaluleka kokukhusela abantwana bethu ekwenzakaleni ingakumbi kwabo basebenzisa kakubi izikhundla zokuthenjwa.”
“Esi sigwebo masivakalise umyalezo ovakalayo wokuba ubulungisa buya kuphumelela, kwaye amazwi abantu abasesichengeni aya kuviwa,” wongeze watsho uMadolo.
Esi sigwebo sigxininisa ubunzulu bolwaphulo-mthetho nokuzinikela okungagungqiyo ekukhuseleni abamsulwa.
Umfanekiso: uthunyelwe
















