CENTANE- Kwidolophu yakuCentane, phantsi koMasipala waseMnquma kwisithili saseAmathole, ilali yaseGqunqe eMcelwane okanye kuKoni, kumbonzeleke isixhiphothi senkuntsela yesibatywa. Simbonzeleke nje esisibatywa sanyakathisa intshuntshe yombhobho ongenambeko kwintwazana eneminyaka eli-12 kuphela izelwe.
Kurhaneleka ukuba sisibhovu-bhovu esaziwayo esi kulelali, kuthe kusenjalo kusenziwa amalinge, imigudu namatile-tile wenzame zokuleqisa le ntwazana esibhedlele ngelikhangela inqwelo-mafutha ezakumleqisa esibhedlele, sabuya kwakhona isigila-mkhuba sengcaphephe kanqevu. Yini na madoda ilishwa lide liphinda-phindane ngoluhlobo.
Ngokwengxelo umama welikhaya ongunina wexhoba akasaboni ngamehlo, ngelixesha abanye bethe bhazalala bekhangela inqwelo ezakubanceda kuleqiswe umntwana, siye safumana elinye ikroba sagaleleka isaphuselane sesidlwengu, satshisa lo mama kunye nabazukulwana ababini(2) babhubhela kwindawo yexhwayelo.
Yonke le mbunda-ndimunye yenkohlakalo yenzeka phambi kwekhehlekazi lalapha ekhaya.
Esisiganeko sipapashwe ngalentsasa litsha-ntliziyo elilwelwa amalungelo wabantwana kwiphondo leMpuma Koloni uPetros Majola, kwaye kuyavakala ukuba elinyala lenzeke kobubusuku sivuka kubo.
Kuyacelwa kudombozwa, kulelezwa kuye nabani na onganikezela ngomkhondo kunqakulwe esisikhohlakali segqwirha likaNomokhwe.
umfanekiso: uthunyelwe
03 EyoMnga 2024
















