UMamboyi Maqungo(75) ulandulele eli ngomhla weshumi elinesibini kulenyanga yeNkanga kulo wama-2024. Ixhego eli laye laduma kakhulu emveni kwevidiyo eyathi tshitshilili kumakhasi ezonxibelelwano nalapho wayeswantsuliswa ngemibuzo ngomama belali.UMamboyi wathi wazisikela enqatheni ngokuswantsulisa ibhokhwe kwilingu layo langasese.
Lo kaMaqungo waxakekisa le bhokhwe eyibholonca kanobom ngokwenkonzo zasekamereni, emveni kokuba eyikhukhuze amathambeka le bhokhwe yaye yoyisakala kukuphila kulo mhlaba umagad’ahlabayo, yafa ngoko nangoko.
Esisiganeko sathi sehla ngomhla weshumi elinesithathu kweyeKhala ngonyaka ka-2022. Utata uMamboyi Maqungo wathi xa eziphendulela, le bhokhwe yasuka yamjonga, naye wayijonga bajongana, emveni koko wayidlakaza ngengqibhobho wavala umkhusane, baphela ubomi.
Xa bembuza abamama unazo nendawo ezithi, “ndiyenzile endiyenzileyo.” Ngomhla wama-24 kwinyanga yeNkanga 2024, uBawo uMamboyi ubebekwa kumadlaka woyise-mkhulu. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.
umfanekiso: uthunyelwe












