BHISHO- UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, uye wafumanisa ukuba kukhona izigrogriso ezithusayo ezijongiswe kwigosa eliphezulu lezemali kwiSebe lezeMfundo uNokuthula Ngcingwana ngomhla wama-27 kule imiyo. Izityholo zithi abanqevu bamgrogrisayo bafuna arhoxe emsebenzini kwaye ukuba akenzi njalo bamoyikisa ngokumbulala.
Lemeko imbi inyanzele ukuba uGade athathe amanyathelo akhawulezileyo wokuvula ityala emapoliseni asephondweni kwaye uzimisele ukubona ubulungisa busenziwa. UGade uwukhalimele lomkhuba kwaye utyatyadule wenjenje, “Sizakuqinisekisa ukuba siliSebe siyawusiphula lomkhuba wobugebengu obujongiswe kwintloko yethu wezemali ephondweni. Amanyathelo aqatha azakuthathwa nakwabo benza lomkhuba.”
Ukukhusela uNgcingwana, iSebe limbeke kwikhefu ngelixa befake omnye umntu ukuba ambambele ngelixa esajongana nalo mba. UGade uhlabe ikhwelo kubo bonke abantu abathobela umthetho kunye nabasebenzi beSebe ebabongoza ukuba basebenzisane nabaphandi baxele zonke izinto zobundlobongela.
ISebe lingqinile ukuba ityala livulwe kubanyazelisi mthetho, kwaye alizimiselanga uthetha kakhulu ngalomba konoondaba ukuze kungaphazamiseki uphando.
umfanekiso: uthunyelwe

















Leave a Reply