Advertisement

Linyusa iikawusi isebe lezempilo ukuqinisekisa unyango oluse zingeni

EMONTI – ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni liyaqhubekeka nokuqinisekisa ukuba lizisa iinkozo ezingundoqo eluntwini laseMpuma Koloni, oku kuza emveni kokuba isebe lithe lamkela izithuthi zempilo ezihambayo(mobile clinics) kunye nezixhobo ezixabisa isixa- mali seR40,3 million ngomhla wamashumi amabini kweyeNkanga 2024, kwiziko lezonxwebelelwano lesebe lezempilo eMonti.

Elisebe liwelwe ngumqa esandleni emveni kokuba linikezelwa inkxaso yi-DG Murray Trust neyinkampani yabucala egxile ekuphuhliseni uluntu nenzame zikarhulumente, ezizixhobo zizakuqinisekisa ukuxhasa undoqo wezempilo ephondweni.

Usihlalo we-DG Murray Trust uMvuyo Tom utyatyadule ngelithi,” Sifuna ukuba inkonzo zempilo zifike ebantwini ezizixhobo sinikela ngazo siyazazi zisezingeni eliphezulu kwaye sazivavanya ngexesha lokugonyela intsholongwane ye-Covid 19″.

Ukongeza akawuvalanga umlomo uMpathiswa weSebe wezeMpilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa, esamkela lenkxaso ivela kwi DG Murray.

UCapa uthethe wenjenje, “Sichulumancile siliSebe lezeMpilo eMpuma Koloni yilenkxaso nathi asimanga njengokuba sizakunikeza nge-clinic ezihambayo ezilishumi kwiSthili ngasinye eMpuma Koloni.

Ezizixhobo zisezingeni eliphezulu kakhulu kwaye zenza umehluko omkhulu empakathini ukunceda abantu. Nanjengoko iphondo lijamelene nolwaphulo mthetho nathi sizixhalabele ezizixhobo kodwa sinethemba kwiziphathi mandla zokuphepha.”

Eliphulo nendibaselwano kulindeleke linyuse izinga nenkonzo zempilo, kwaye nokuqubulisana nento yokuba abantu kufuneke behambe imigama emide ukuze bafumane unyango olukuqondo eliphezulu eMpuma Koloni.

Luxolo Buli

23 EyeNkanga 2024