NXUBA- Ulale ebaliwe wavuka echetyiwe uYvonne Brouwers(29) othe wafunyanwa namatyala okubulala kunye nokubulala ngokungenalusini.
Loka Yvonne ugwetywe iminyaka elishumi KwiNkundla kaMantyi yaseNxuba(Cradock) ngenxa yokubulala, waphinda wathiwa nka ngeminyaka emithandathu ngokubulala ngokungenalusini kumatyala omabini. Oku kuza emveni kokuba wabulala umakhelwane wakhe uThembisile John Mondo kunye nomama wakhe wasecaleni ongu Nontsokolo Mthathi, kwiziqendu ezahlukeneyo.
Iingxelo zingqinile ukuba lona ka Yvonne ubonzakalise ngokunganalusini ngelixa wayebabulala okwezilwanyane kwiziganeko ezahlukileyo.
Isithethi segunya bantu lezotshutshiso ephondweni uLuxolo Tyali udize ngelithi, “Ngomhla wokuqala KweyoMdumba 2023 loka Yvonne wahlaba uThembisile, emtyhola ngento yokuba ubethe umtana wakhe. Ingxabano leyo yanda, uBrouwers wamhlaba osogqiba wazixela ko makhelwane bakhe ukuba umbulele kodwa abamkholelwa”.
Ukongeza loka Tyali ukwathe, “Lona ka Yvonne wathi usophuma ngenqgawule waze wabulala umama wakhe wabucala ongu Nontsokolo Mthathi, apho athe wamhlaba entloko ngemela ngexesha bexabana ekhayeni labo eNxuba. Loka Mthathi waleqiswa esibedlele waze wabuya, kodwa ngenxa yokonzakala entloko waswelekela endlini”.
Isigwebo senkudla samkelwe ngezandla ezishushu ligunya bantu lezotshutshiso ephondweni kwaye lingqina ngelithi kubalulekile zibe qatha izigwebo kumatyala abuzaza kanjena.
Luxolo Buli
15 EyeNkanga 2024
















