Advertisement

Dibana nokracaza abatsha besigqeba bomasipala ombaxa

GQEBERHA- UMasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay unesigqeba esitsha esizokuxhuzula imikhala.

Ngokwengxelo edizwe ngulomasipala ngomhla wesibhozo kweyeNkanga kulo umiyo, igxininisile ukuba ukracaza onguSodolophu walomasipala uCeba uBabalwa Lobishe ubhengeze isigqeba sebhunga kwiholo lesiXeko.

UCeba uLobishe uzingombe isifuba ngelithi uzimisele ukulima ade ayotsho elityeni, kwaye unenjongo zokusebenzisana nemibutho yentlalontle, amashishini, imibutho karhulumente, nabasebenzi bakamasipala ombaxa, ulutsha kunye nentsapho zabafazi kwaye namaqela ezemidlalo.

“Lixanduva lam ukuzisa inkonzo eluntwini kwaye ndizoqinisekisa ukuba uphuhliso lezoqoqosho luyenyuka klomasipala,” utshilo Lobishe.

Dibana neKomiti entsha echongiweyo kulo masipala:

1. Ubunjineli neZiseko – Ceba Buyelwa Mafaya

2. Iindlela noThutho – Ceba Yolisa Pali-Jongilanga

3. Izindlu noQeqesho Lwekhaya – Ceba Thembinkosi Mafana

4. Ukhuseleko noKhuseleko – Ceba Luyanda Lawu

5. Umbane naMandla – Ceba Ziyanda Mqokoyi

6. Uhlahlo lweMali noNonyebo – Ceba Khanya Ngqisha

7. Impilo Yoluntu – Ceba Thsonono Buyeye

8. Ezokudlala, ezokuLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko – Ceba Bongekile Mankahla

9. Uphuhliso lwezoQoqosho, uKhenketho noLimo – Ceba Bassie Kamana

10. IiNkonzo zeeNkampani – Ceba Mkhuseli Jack

Ukongeza uSodolophu uvakalise ngelithi lekomiti yenziwe ngabanamava nabanomdla ekujameleni nemiceli-mngeni yalomasipa, uphuhlisa uqoqosho kunye nokuzisa inkonzo ebahlalini balo masipala ombaxa.

Umfanekiso: NMB

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *