KOMANI- Zintsuku ezilishumi zilandelelana kungekho mbane kwisibhedle iFrontier, eKomani iingxelo zidiza ukuba bekutshe i’transformer’.
Esisehlo senzeke ukusukela ngomhla we20-30 kule imiyo.
ISebe lezempilo ephondweni lingqinile ukuba lithumele ijanareyitha(generators) ngokukhawulez’okudinene nokungxama kwaye ngokwenene akhomntu uchaphazelekileyo okanye uswelekileyo ngelixa bekungekho mbane.
Ngeli xesha linzima esisibhedlele ibingeloziko lonyango nje kuphela, kodwa isibane sethemba kuluntu, bekusetyenzwa ngesiqhelo.
Othethela uMphathiswa wesebe lezeMpilo ephondweni uMkhululi Ndamase uthe, “Abasebenzi baye bangqubana ngentloko beqinisekisa ukuba isigulana ngasinye sifumana ukhathalelo esiludingayo, kwaye akukho kufa okuchaziweyo.”
Ukongeza, emva kweentsuku ezilishumi, umbane ubuyiselwe ngokupheleleyo ngomhla we31 kule imiyo 2024 nto leyo evumela isibhedlele ukuba sibuyele kwimisebenzi eqhelekileyo.
Najengoko izibane zibuya zikhanyisa, esi sibhedlele sime siqinile, sikulungele ukujamelana nayo nayiphi na imingeni ezayo.
Umfanekiso: uthunyelwe
Zintle Elam Tsita
31 EyeDwarha 2024














Leave a Reply