QONCE- UZukhanye Qabe, osanda ukuthwala isidanga sobuntatheli kwiDyunivesithi yaseTshwane yeTekhnoloji, uguqula amaphupha akhe abe yinyani ngevidiyo enye ngexesha.Uzalelwe kwaye wakhulela kwidolophu yaseQonce, kwaye uthimbe iintliziyo zabalandeli abangaphezu kwama-593,000 kwiqonga lezonxibelelwano uTikTok, eqokelela izigidi ezili-17.1 zelikes.
Uhambo lukaZukhanye ekudumeni kwakhe alukhange lube ngaphandle kwemiceli mngeni yalo. Eneminyaka nje elishumi elinesibhozo(18) ubudala, wajamelana nentliziyo ebuhlungu yokufelwa ngunina, owayengoyena mondli wosapho, nto leyo eyamnyanzela ukuba alungelelanise iimbopheleleko zesikolo nokukhathalela umninawa wakhe.
“Ewe, siphulukene naye, kwaye ibibuhlungu, kodwa uye wasifundisa indlela yokuphila nempilo, kwaye kwakufuneka ndifumane indlela yokuqhubeka,” utshilo uZukhanye.Ibali lakhe laqala ngo-2015 xa wayevavanya njengomdanisi womboniso wetalente yesikolo sakhe.
Ekhethwe ukwenza, iividiyo zakhe zakhawuleza zaya kumakhasi onxibelelwano, ephawula ukuqala kokunyuka kwakhe kushishino lokuzonwabisa. Ngonyaka ka2016, wabhala ingoma yakhe yokuqala, ‘Izinto ze Summer,’nangona iingxaki zithintele ukukhululwa.
Engagxininiswanga, kamva wasungula ‘kuzomoshakala,’ eyamnceda ukuba akhule kwindawo yomculo kwaye avule iingcango zamathuba amnandi, kubandakanywa ukubonakala kwamva nje njengento eyongezelelweyo kwi-series ye-Netflix ethi ‘Miseducation.’
“Bendisoloko ndizibona ndikwicandelo leze media,” utshilo uZukhanye. Ukukhula kwakhe, wanqula imiboniso yolutsha kwiziko lezosasazo kuzwe lonke(SABC) efana neYoTV kunye ne-Hectic Nine9, efunxa ngomdla wonke umzuzu kwigumbi lakhe lokuhlala. Ikhefu lakhe lokuqala elikhulu lafika emva kwesikolo samabanga aphakamileyo ngonyaka ka2019 xa wafumana igigi(Gig) yokubamba unomathotholo, eqinisa uthando lwakhe lobuntatheli.
Nangona sele efezekile, uZukhanye uyayivuma imizabalazo yokuthathelwa ingqalelo kukhuphiswano lobuntatheli. “Xa ndifaka izicelo zomsebenzi wobuntatheli kuba nzima, abantu bandibona njengomntu ozama ukuduma,” uyachaza.
Nangona kunjalo, inkwenkwezi encinci ihlala inethemba, ijonge ukusebenzisana nefashoni kunye namagcisa kwaye ibambe umboniso weTV kwiAfrika iphela ekupheleni konyaka.
Ngomhla we26 kweyeSilimela 2023, yonke into yatshintsha xa enye yeevidiyo zakhe ze-TikTok yasasazeka ngaphantsi kweeyure eziyi16, imshiya ebambe ongezantsi luthando kunye nenkxaso evela kubalandeli bakhe.
UZukhanye ubethelela ukubaluleka kwemfundo kwabo banqwenela ukuba ziintatheli, ekwabongoza abafundi ukuba bafunxe yonke indawana yolwazi. Hlala ujonge le nkwenkwezi iphumayo njengoko iqhubeka nokuqaqamba kwihlabathi lobuntatheli kunye nolonwabo kumakhasi onxibelelwano.
Umfanekiso: uthunyelwe
Zintle Elam Tsita
31 EyeDwarha 2024














Leave a Reply