Advertisement

USodolophu waseMthatha udyarhaze imali emjuxuzweni

MTHATHA- Umbutho wezopolitiko ophikisayo kwiphondo leMpuma Koloni iUnited Democratic Movement(UDM) uvule ityala lobusela ngakuSodolophu womasipala waseKing Sabata Dalidyebo kunye noogxa-bakhe ababini besigqeba sekomiti kaSodolophu(MMC’s) uNombulelo Sibeko kunye noZiyanda Nokayi.

Esisithathu sityholwa ngokudyarhaza imali kamasipala, bechitha isixa-semali esingange R180,000.00 nanjengoko babeye kumsitho weAfrican National Congress(ANC) eThekwini ngenyanga yoMdumba kulo umiyo.

Iingxelo zibhentsisa ngelithi esisithathu saxoka sathi lemali, yimali yephulo lokubuyela esikolweni(Back to school) kwaye eliphulo lisingathwe nguSekela-Mphathiswa uNokuzola Capa.

Ngokwesibhilivana ekutyholwa ukuba sisuka kwi-ofisi kaSekela-Mphathiswa uCapa siveza okwekati-ehlungwini ukuba ngokwenene lenkcitho-mali ibivunyiwe.

Unobhala weUDM kwiphondo leMpuma Koloni uBulelani Bobotyane ungqinile ukuba ngokwenene ityala livuliwe, “Livuliwe ityala ngakwesisithathu sidyarhaze imali kamasipala kumjuxuzo weANC betyhola ngelithi yimali yephulo lokubuyela esikolweni, singumbutho weUDM xasisilwa urhwaphilizo sisiphula neengcambu sizakuqinisekisa ukuba iimpendulo ziyafumaneka,” utshilo.

Iinzame zethu zokukhangela iimpendulo ngezizityholo kulomasipala zitsho epalini, ngexesha sityekeza elinqaku bebengekabuyeli kuthi.

Umfanekiso: USekela-Mphathiswa kunye noSodolophu uCeba Nyaniso Nelani

Umfanekiso: uthunyelwe

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *