Advertisement

Banikwa uphuma-aphele abafundi bakwaXhamela(WSU)

MTHATHA- Nanjengoko kule veki iphelileyo ukuzokuthi ga kuleveki abafundi beDyunivesithi iWalter Sisulu(WSU) kwikhampasi yaseMthatha nakuKomani bebephakamisa idolo phezulu besenza udushe, lonto ifikilele ukuba isigqeba saleDyunivesithi sikhe simise kancinci inkqubo yokufunda.

Kwisinqwengana esityekezwe yileDyunivesithi sigxininisa ukuba udushe obelusenzeka kwikhampasi yaseMthatha kunye nakuKomani lenze isankxwe, kungoko iintsumpa kunye nesigqeba sabafundi(SRC) bafikelele ekutheni xha kancinci ekufundiseni kule veki.

“Zonke iikhampasi zaleDyunivesithi zizokuvalwa ngokukhawulez’okudibene nokungxama bonke abafundi babongozwa ukuba baphume kwindawo zokuhlala zaleDyunivesithi ngentsimbi yesibini(14:00) umhla we-20 kule imiyo. Umfundi obhaqwe ezenzatsolo uzokuwukhomba umzi onotywala,” sigxininise satsho isiqwengana esityekezwe yileDyunivesithi.

Ukongeza bonke abaphangeli baleDyunivesithi bayacelwa bebongozwa ukuba baphangele njengesiqhelo, leDyunivesithi ingqinile ukuba izimisele ekuyisombululeni lenyewe.

Kulindeleke ukuba kubuyelwe emagumbini okufundela ngomhla we-31 kule imiyo.

Umfanekiso: uthunyelwe

20 EyoKwindla 2025

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *