MTHATHA- Yintlavubela yengozi eyenzeke ngalentlwa kwisiphambuka sakuNgolo esidibanisa iSibangweni kunye noNgolo. Kwimizuzwana nje embalwa egqithileyo kuntlithene iLori(Truck) enkulu kunye nebhaki kwasweleka abantu ababini(2).
Le ngozi nekubonakala ngathi ibangelwe sisantya esiphezulu, iquka kuyo ibhaki eluhlobo lweToyota Hilux kunye neLori(Truck) enkulu ezingquzulene okweenkunzi zegusha kuhola wendlela uN2 odibanisa iSibangweni noNgolo eMthatha. Abazonyango lokuqala, abakwantsasana kunye namagosa wezendlela bamaxhaphetshu bezama ukuhlangula indoda ebambeke ngaphakathi kwinqwelo-mafutha eluhlobo lweToyota Hilux.
LeToyota Hilux ibitsala inqwelo erhuqwayo(Trailer) kwaye ibineenkomo ezintathu(3) kuyo, zonke ezinkomo zibhungcile kule ngozi kwaye zizityela utyani ethafeni asazi nokuba bezolukele phi ngesiganeko esi. Kwisiganeko sesibini yengozi emasikizi eyenzeke kwindawo yaseQweqwe kwidolophu yaseMthatha ngalemva kwemini. Kule ingozi kungquzulene ibhaki yakwaToyota kunye neqegu lakwa Mercedes-Benz.
Bakhona abonzakeleyo nangona bekungekavakali mntu ubhubhileyo kuyo ukuzothi ga ngoku.
Singasemoyeni…
Umfanekiso: uthunyelwe













