NGCOBO– Lusaxhelekile usapho laseNgcobo kwilali yaseLuhewini emveni kokuba intombi yalo, uLinamandla Xhosana oneminyaka elishumi elinethoba(19) ubudala, enyamelele kwiiveki ezintathu ezidlulileyo.
ULinamandla wagqityelwa ukubonwa kwirenki yeeteksi yaseNgcobo kwaye ukusukela ngoko akaphindanga wabonakala.
Usapho luthi luhlupheka kakhulu ngenxa yokuba amapolisa aseNgcobo akabonakalisi enomdla wokukhawulezisa uphando. Amalungu osapho athi azama ngamandla onke ekufumaniseni umkhondo womntana wabo kodwa akhonto ivelayo.

Othethela usapho lakwaXhosana uthethe wenjenje, “Umama usoloko ebuza yonke imihla ukuba lusuku lwesingaphi umntana wam engekafumaneki? Kwaye uphinda azibuze ukuba umntana wam unokuba utshiswa lilanga phi ngoku.”
“Ndihambile nosisi wam uNoxolo ngenye imini ekwakunetha ngayo sayokhangela ehlathini wayengafuni noba sibuye ngoba wayesithi ingase singagoduki singabuyanga nempendulo kuba xa sifika ekhaya umama uzakusibuza ukuba simfumene na umntana wakhe emveni koko ahlale esitulweni angathethi.” utshilo omnye welungu lakwaXhosana.
Ukongeza ukuzothi ga ngoku usapho lakwaXhosana luthi luncediswa ngabantu basekuhlaleni ekukhangeleni uLinamandla kwaye imali yokuqasha imoto yokuya edolophini bafumana uncedo ebantwini.
“Sincedwe ngabantu ekubhataleni imoto ezothutha abantu abasincedisayo ekukhangeleni uLinamandla kuba thina silikhaya siyohluleka ukuyibhatala ngoba asisebenzi.” kutsho omnye wabantakwabo.
Kusenjalo usapho luthi akukabikho nanye imoto yamapolisa efikileyo kwikhaya lakwaXhosana izoxela ukuba uphando luhamba njani.
Lonto ibonakalisa ukuba oluphando alubalulekanga emapoliseni.Usapho lwakaXhosana lithi ngoku lixhomekeke emithandazweni kwaye banethemba ukuba uLinamandla uzakubonakala okanye kuvele umkhondo wakhe kungekudala.
“Sithi makaphile apho akhoyo, uThixo makamtyhilele apho afihlakele khona,” utshilo umama wakhe ngelizwi elizele sisijwili.
Umfanekiso: uthunyelwe













