Advertisement

Uwile umthi omkhulu

NGQELENI-Itsha-ntliziyo kuphuhliso nentlalo yoluntu, izinxiba-mxhaka, irharha nesiquququ sendoda. Umntu obenothando, ububele, intobeko kunye nentlonipho komncinci nomdala.

Uwile umthi omkhulu, silahlekelwe isizwe saseNgqeleni, eMthatha kunye neziphaluka. Kungosizi novelwano olunzulu ukuvakalisa ngokuwa kwegorha le ndoda uGqirha, umfundisi uLuyanda Xamlayo(36).

UGqirha Luyanda Xamlayo abamaziyo kumakhasi wezonxibelelwano bamtyibele ngengesiquququ, ithandazwe, inkcuba-buchopho kunye nomphuhlisi wentlalo yoluntu.Ibiyindoda ebizinikezele ngamandla ekutshintsheni iimpilo zabantu, ingakumbi iimpula zikalujaca, esebenzisa isakhono sakhe ngokuthi anikeze iingcebiso kwabo basakhangela amathuba wemisebenzi.

Ubathandile abantu, uyithandile inkosikazi yakhe, uluthandile usapho lwakhe, kwaye ubengazilibali apho asuka khona eNtshilini eGazini, kwidolophu yaseNgqeleni.

Kwiveki eqalayo zizakuqhuba iinkonzo zesikhumbuzo. NgoLwesibini umhla we-12 kweyeNkanga 2024, yinkonzo yesikhumbuzo kwiholo i-All Saints eMthatha, ngentsimbi yesithathu(15h00) emalanga.

NgoLwesithathu izakuqhuba inkonzo yesikhumbuzo kwikhaya lakhe eliseNgqeleni eNtshini ngentsimbi yeshumi(10h00) kusasa. Izakubanjelwa kwiholo iLittle Angels.

UGqirha Luyanda Xamlayo uzakubekwa kumadlaka ooyise-mkhulu ngomhla we-16 kweyeNkanga 2024, kwikhaya lakhe eliseNtshilini. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, uThixo amkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.Phumla ngoxolo Tshezi, Jalamba, Njilo-njilo, Mqal’ ungangenduku, ugqatso ulufezile, umzamo omhle uwuzamile.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *