GATYANE- USodolophu womasipala wesithili saseAmathole uCeba Anele Ntsangani ebambisene nosodolophu womasipala wasekuhlaleni waseMbhashe uCeba Samkelo Janda, batyelele isikolo samabanga aphakamileyo iBadi ngomhla wesithandathu kweyeNkanga kulo umiyo.
Olutyelelo luza emveni kokuba befuna ukuphakamisa umoya wabafundi ngeli xesha leemviwo ezibalulekileyo zokuphela konyaka.
Utyelelo looSodolophu lukhokhelele ekubeni banikezele ngezihlangu kunye noobhaka kubafundi abatsala nzima abayi100 beqinisekisa ukuba banezixhobo ezibalulekileyo zokuphumelela kwizifundo zabo. UCeba uNtsangani ethetha nabafundi ubabongozile ukuba banyamezele babe ziinkokheli zangomso.
Ukwaphinde wachonga amazwi ayekhe athethwa ngulowo ongasekhoyo owayengu mongameli waseMzanti Afrika uNelson Mandela esithi, ‘Imfundo sisitshixo sempumelelo.’
Ukongeza inqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iBadi uDumisani Dlwati, uvakalise umbulelo ongazenzisiyo ngeli phulo libe nefuthe, “Inkqubo ezifana nezi zikhuthaza abafundi bethu ukuba bahlale esikolweni kwaye baphumelelise amaphupha wabo, logama zikwaphungula umthwalo wemali kwiintsapho ezihlelelekileyo,” utshilo uDiwati.
Ilungu lesigqeba solawulo lesikolo sakuBadi uCebisa Booi ulincomile elinyathelo ngempembelelo yalo emandla eluntwini, “Ukuzinikela kwesithili ekuncedeni uluntu lwethu olukude kubaluleke kakhulu, sinombulelo ongazenzisiyo ukuba sifumene inkxaso enjalo,” wongeze watsho uBooi.
Ukongezelela lomsitho kubonakale ukuzingca kukaceba wakwaWadi 24 uBoniswa Sithela ekunye namalungu oluntu alommdla, abazali kunye nabagcini babantwana bonke bemanyene ngombono wokuphakamisa ulutsha lwasekuhlaleni ngemfundo.
Eli phulo lentsebenziswano aliphumeleli nje kuphela imfundo kodwa likwaqinisa amaqhina oluntu lingqina ukuba xa sisonke singakha ikamva eliqaqambileyo labantwana bethu.
Najengoko behamba kwiholo laseBadi ngezihlangu zabo ezitsha kwaye bephethe oobhaka babo besikolo ngokuzingca, aba bafundi baxhotyiswele impumelelo.
Zintle Elam Tsita & Luxolo Buli
07 EyeNkanga 2024













