Advertisement

Igqiyazana lase Engcobo livule ngokusesikweni isaluni

ENGCOBO- Ekugqibeleni lifezekisile iphupha likasomashishini osaze ngobuso elizweni waseEngcobo ngokuvula isaluni yenwele. UZoleka Mgxotswha uyivule ngokusesikweni isaluni yakhe yenwele iMazoe Beauty Parlour, lona kaMgxotsha waqala esemncinci ukuthanda ukwenza imilingo ngenwele.

Yiminyaka elinina lisiwa ivuka lileqa iphupha lalo kwaye ngoku lide laphumelela iphupha

Ukongeza inintsi into eyenziwa kwi saluni Mgxotshwa okufana, nokuphotha iinwele, ukutyabeka ubuso, ukucoca iinzipho, ukutweza amehlo kunye nokunye okunintsi lonto yenza lesaluni ibeyindawo kantozonke phantsi kophahla olunye.

UMgxotswha uthethe wenjenje, “Ungaze uvumele isimo sakowenu sikubuyisele umva ekufezekiseni amaphupha wakho.”

UCeba wakwa ward11 uSivuyile Plaatjie umqhwabele izandla uMgxotswha esithi, “Kuhle kakhulu ukubona umntu omtsha egalela kuqoqosho lasekuhlaleni kwaye adale amathuba omsebenzi kumasipala.”

Umfanekiso: uthunyelwe