GCUWA- ISebe lezokuhlaliswa koluntu kwiphondo leMpuma Koloni lakhe izindlu eziyi-120 zethutyana kwilokishi yaseNew Rest eGcuwa, oku kuza emveni kokuba abahlali belali yaseSikiti babethwaxwe yintlekele bashiyeka nempahla ezisesiqwini kuphela.
UMasipala wesithili saseAmathole(ADM) ebambisene kunye namanye amaziko uzibophelele ukuthi gqolo exhasa amaxhoba.
Ngomhla we-29 kule imiyo lomasipala ebambisene nekomishoni yeLotto(NLC) kunye nesiseko iSmall Project lamaziko asasaze amaqithi-qithi(Vouchers) ayi-290 kubo bonke abo babechatshazelwe zezintlekele.

Intsumpa yezentlekele kumasipala iADM uThembinkosi Nxawe, unqwalile ukuba bengumasipala bayaqinisekisa ukuba ezizindlu zethutyana kunye nalamaqhithi-qhithi afunyanwa ngabo banelungelo.
Ukanti intsumpa ephuma kwisiseko iSmall Projects uKhuzwayo August uthethe wenjenje ngexesha egqithisa amaqithi-qithi,” Asinanto ingako sinayo sidlulisa ezi ‘voucher’ kwabo bazidinga kakhulu ukuze bachola-chole oko banokwazi ukufumana.”
Ukanti abaxhamli bangawasebenzisa lamaqithi-qithi kwiivenkile ezichongiweyo ezifana noSpar, Boxer kunye naseJumbo.
Omnye wabaxhamli uAthenkosi Makhubalo ohlala kwilali yaseSkiti uphefumle, “Ndibulela kakhulu ngalamaqithi-qithi ndiswele andinanto sendicingela nje usana lam, noko ngoku ndizokutsho ndikwazi ukuthengela umntana wam iimpahla zesikolo kunye nentwana-ntwanana,” utshilo.
UMasipala waseADM ungqinile ukuba uzokuthi gqolo ebexhasa ababahlali.
Umfanekiso: ADM
Sandiswa Mgobo
30 EyeKhala 2025












