BISHO- URhulumente wephondo leMpuma Koloni unqwalile ukuba ngokwenene akabalibelanga bonke abo babechatshazelwe zintlekele intsuku ezimbini ukusukela ngomhla we-08 ukuya ngomhla we-09 kweyeSilimela 2025.
Ngokwengxelo etyekezwe yiOfisi kaRhulumente wephondo igxininisile ukuba nanjengoko besaqweba amaqhinga okwakha izindlu kwakhona abanye abantu bafunelwe indawo zethutyana.
Othethela urhulumente wephondo uKhuselwa Rantjie uthethe wenjenje, ” Siyifumene indawo yokwakhela abo babechatshazelwe zezintlekele eGcuwa, siyifumene kwilokishi yaseNew Rest. Iintsapho eziyi-22 sizigcine kumaholo amakhulu, kwindlu yendwendwe yaseLillies kunye nakwiholo laseCuba kwaye ndiyangqina ukuba bayakufumana ukutya kunye nezinye izinto ezibalulekileyo.”
URantjie ukwaphawule ukuba izindlu zethutyana eziyi-28 selezikulungele ukuginya abantu, nanjengoko izindlu eziyi-89 kulindeleke ukuba zona zigqitye ngomhla we-07 kweyeThupha 2025.”

“Ukongeza xasijonga eMthatha zizindlu zethutyana eziyi-470 ekulindeleke ukuba zakhiwe kungantsuku zatywala,” Rantjie.
Umfanekiso: uthunyelwe
Siyolise Silayi & Sandiswa Mgobo
30 EyeKhala 2025













