Advertisement

Ulonwabo laseGqeberha lujike lamuncu kwabanye

GQEBERHA- Boxuthelwe onomyayi ababukeli bombhoxo, iingxelo zibhentsisa ngelithi bangaphaya kwekhulu(100) abathandi bombhoxo abathe bangamxhoba okubelwa oonomyayi babo ngoonyana eGqeberha ngoMgqibelo umhla we-12 kule imiyo.

Olusizi luza emveni kokuba bekukho umdlalo webhola yombhoxo obuphakathi kwamaBhoko-Bhoko kunye namaTaliyane kwibala lezemidlalo iNelson Mandela Bay.

Ngokwengxelo etyekezwe yinkonzo yesipolisa(SAPS) eGqeberha ingqinile ukuba bangaphaya kwamashumi amahlanu abantu abathe bavula amatyala okubelwa imfono-mfono zabo zasesinqeni.

Othethela abakwantsasana eGqeberha uJanse van Rensburg uphawule wenjenje, “Iminxeba ethe yabiwa ngaphandle kwebala lokudlalela iyaphandwa sizakuqinisekisa ukuba lemiguvela sizakuyifumana ibengaphaya kwezitsixo kungekudala.”

Ukongeza amaxhoba amathathu ahlomle enjenje enyembezana, “Bendizigqibele ndiyibambe ngesandla imfono-mfono yam ndayibona seyingekho”, litshilo elinye lamaxhoba. Abanye bathi ezabo zikhutshwe kwipokotho zezikhwama zabo.

Abakwantsasana abalali buhlayo bakhangela ezizimanga zezizigila-mkhuba.

Umfanekiso: uthunyelwe

Emihle Dokolwana

16 EyeKhala 2025