Advertisement

Bazokuxhamla abalimi abasakhasayo esivunweni setshilisi

ADDO -Sibeyiphumelelo isivumo setshilisi esenziwe yiprojekthi iEnon- Bersheba lonto ibonise abalimi basemaphandleni ngenkxaso kwezobugcisa.Ngokwengxelo etyekezwe yiArhente yezolimo yaseMpuma Koloni (ECRDA), abalimi abasakhasayo bazokutsho bakwazi ukukhulisa amashishini wabo nanjengoko bebonisile ukumbambisana ngelixesha bancedisanayo ekwenzeni isivuno setshilisi sibeyimpumelelo.

Ukongeza le arhente yezolimo kunye nenkampani ebambisene nayo i’South African National Parks'(SANParks) zindwendwele iEnon-Bersheba projekthi kwindawo yaseAddo Elephant Park apho bekuyobhiyozwa impumemelo yesivuno setshilisi.

Kuye kwabonakala ukuba lenkxaso iqhubekayo yobambiswano izoqinisekisa ukuba le projekthi izohambelana nohlelo lokuphucula iMpuma Koloni kunye nesicwangciso seSizwe se’Biodiversity Economy.’

Le projekthi ibeka ezolimo njengenye yeendlela eziphambili zoguqula koqoqosho olunomtsalane kuluntu lwasezidolophini.

Umfanekiso: Uthunyelwe

Nkasela Mfundo

16 EyeKhala 2025