DUTYWA- Kuguquguquko olubalukekileyo oludidiyelwa liqumrhu leziko lezosasazo kuzwelonke(SABC) lamkele uAnelisa’Lisa’ Dumezweni njengo mdidiyeli omtsha ozokutyekeza iindaba ngolwimi lwenkobe.
UDumezweni ligqiyazana elisuka eDutywa.Nanjengoko uDumezweni ebekade ejamelene nemicili-mingeni njengamntu wonke oko wayeme ngomlenze omnye engxisha efuna iphupha lakhe lide lifezekiswe.
ULisa ungene kweliziko eneminyaka yolwazi engumpondo zihlanjiwe womakhwekhwetha wendaba esuka kumaziko asekuhlaleni.
Ukuzothi ga ngoku uDumezweni uphakela izigidi zabemi boMzantsi Afrika iindaba eziyinyaniso nezisungulekileyo.
ULisa uzithethelele wenjenje, “Elithuba lingummngaliso kakhulu kum kwaye ndifuna ukukhuthaza nesizukulwana esilandelayo ukuba singancami bayazi ukuba amaphupha ayakwazi ukufezekiseka. Andikholelwa ukuba ndim lona utyekezela izigidi zabemi boMzantsi Afrika iindaba.”
Umfanekiso: uthunyelwe
Somangaye Mtywaru
19 EyeSlimela 2025















Leave a Reply