MATATIELE- Ibambela likaSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseMatatiele uCeba Patrick Stuurman kunye nentsumpa yeziseko kulomasipala uCeba Makopano Shale banikezele ngokusesikweni ikhontraka ezokufakela umbane isigaba sesibini kwindawo yaseMotsekoa, ngomhla wesibini kweyeSilimela 2025.
Yimizi eyi523 ezokufakelwa umbane kwesisigaba. Umasipala uchonge ikhontraka i- Igoda projects ezokwenza lomsebenzi waze lomasipala wabeka bucala isixa-semali esingange R18 million sokwenza lomsebenzi, kulindeleke ukuba le projekthi iqukunjelwe emveni kwenyanga ezilishumi.
Ngokwengxelo etyekezwe ngulomasipala igxininisa ukuba, “Le projekthi izokugxotha ikati eziko ngokuqasha abantu abayi20 basekuhlaleni kunye nonogada abane(4).”
Umfanekiso: MLM/ uthunyelwe














