INDWE- Yiminyaka esixhenxe ibala lezemidlalo laseIndwe, limendawoninye nanjengoko lalibalelwe ukwakhiwa ngesixa-mali esingange R11 million kodwa kwadyarhazwa isixa-semali esithe kratya kwiR24 million nanjengoko lingekagqitywa ibala.
Oluphando ludakancwe libutho lokhetshe(Hawks) eMpuma Koloni emveni kokuba elibutho lifumene izityholo zorhwaphilizo, ukwehlisa imali ngomlenze kunye nobuqhetseba ngakule projekthi nephantsi koMasipala wasekuhlaleni waseEmalahleni.
Iingxelo zibhentsisa ukuba lomasipala wakhupha isiniki-maxabiso ngonyaka ka2023 ngenyanga yoMsintsi, isiniki-maxabiso sokwakha ibala lezemidlalo. Ibutho lokhetshe ephondweni lifumanise urhwaphilizo kunye nokwehlisa imali ngomlenze kule projekthi.
Othethela ibutho lokhetshe ephondweni uNdiphiwe Hlakuvana ungqinile ukuba ngokwenene zikhona izityholo zorhwaphilizo ngakule projekthi. “Senza uphando olukuqoqo oluphezulu ngale projekthi kwaye senza uphando olunzulu.”
“Kuphando lethu sizibonele ngeliso lenyama ukuba ngokwenene yadyarhazwa imali ethe kratya kwiR24 Million, ngexesha sindwendwela elibala safika kugxunyekwe iipali kunye nocingo kuphela,” Hlakuvana.
Iingxelo zikwaveza lubala ukuba ikhontraka iMBS Civils emveni kokuba yafumana isixa-semali esingange R10 Million yacela kwabanentsente ingawugqibanga kwalomsebenzi, ukanti yona ikhontraka uMVI yatyunjwa ukuba izokugqibezela kungantsuku-zatywala zange iphozise maseko izicelela kwabanentsente nayo ingawugqibanga umsebenzi.
Ukongeza uMhlakuvana ungqinile ukuba ngokwenene ityala livuliwe kwaye bayaqhuba nophando ukanti ukuzokuthi ga ngoku, akukabanjwa mntu. Imali edyarhazuweyo ibalelwa kwisixa-nali esingange R23,8 Million.
Umfanekiso: Ibala lezemidlalo laseIndwe
Umfanekiso: Nombulelo Damba-Hendrik














Leave a Reply