Advertisement

Umasipala ombaxa uzimisele ukusiphula nengcambu ubugebenga

GQEBERHA- UMasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay ebebambe umsitho wokuqinisekisa ukuba uluntu luyakhuseleka ngelixesha leziyunguma kwisixeko, ngomhla we-22 kweyeNkanga 2024 kwiholo lesixeko, eGqeberha.

Lomsitho ubukhokhelwa nguSodolophu walo masipala uCeba Babalwa Lobishe, uMkomishinala wamapolisa kwiSthili saseNelson Mandela Bay uNjengelele Ncata kunye neziphathi mandla zalo masipala, apho bebetyebiselana ngezicwangciso nokuqinisekisa ukhuseleko. Nanjengoko isixeko sedolophu yaseGqeberha sithwaxwa ngamanani axhalabisayo olwaphulo-mthetho, umkomishinala wamapholisa kwiSthili seNelson Mandela Bay uMajor Njengelele Ncata uncome ngelithi,” Ngenxa yokubambisana kwamapolisa amanani wobugebungu athande ukwehla”.

Osandokuxhuzula imikhala yobuSodolophu kulomasipala ombaxa uCeba Babalwa Lobishe, umunce iminwe ngelixa efunga ukuba umasipala uzakuzimela ezizicwangciso zalo msitho, “Uxanduva lwethu kukuqinisekisa ukhenketho luyakhula kwaye nedolophu ikhuselekile. Xasibambisene singama sebe karhulumente lonto ingenza izinga lethu lokukwazi ukulwisana nolwaphulo mthetho jikelele,” utshilo okaLobishe.

Ukongeza ilungu elikhokhela ikomiti kaSodolophu kwezokhuseleko kulomasipala uCeba Luyanda Lawu ugxinisise ngelithi, ” Ubambiswano lubalulekile ukuqinisekisa, ukunqanda ubugebengu, ukulawula izithuthi nokuqinisekisa isixeko sikhuselekile. Senze nenzame zokufaka ubuxhakaka bomabonakude abayi-112 ukuqinisekisa ukuhlala sithe gqolo kwintshukumo”.

Lomasipala uqinisekise ngelithi ukulungele kangangoko ukujamelana nokuqinisekisa ukuba abantu bayakhuseleka kwaye bonwabile ngelixesha leziyunguma zonyaka ka-2024.

Umfanekiso: uthunyelwe

Luxolo Buli

28 KweyeNkanga 2024

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *