Advertisement

IPhondo lizoqinisekisa ukuba baya bephila babuye bephila

KWABHACA- Liphehlelewe ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwasehlotyeni kwiphondo leMpuma Koloni, ngomhla weshumi elinesithathu KweyeNkanga 2024, kuMasipala wasekuhlaleni Umzimvubu, KwaBhaca.

Kule ngqungquthela bekushukuxwa imiba eliqela ekuquka kuyo ukuthandazela ulwaluko ngenjongo zokuzama ukuthinthela ukusweleka kwabakwetha ephondweni ngelixa besentabeni.

Lenqgunqguthela ibizinyaswe ngamaSebe awohlukeneyo ukubala indlu yeeNkosi zaseMpuma Koloni kunye neSebe lezolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli eMpuma Koloni. Lamaqumrhu ebefakana imilomo ngendlela ekuzosetyenzwa ngayo.

USihlalo wendlu yeeNkosi zaseMpuma Koloni uNkosi Mpumalanga Gwadiso uthembise ngelithi bazakujongana nengalo yomthetho abo bangawuthobeliyo umthetho.

OkaGwadiso utyatyadule wenjenje, “Asifuni nesinye isiganeko sokusweleka komkhwetha, simemelela amadoda aquqe ebuyelela ehlathini. Kubalulekile ukuthotyelwa kwemithetho abantwana bangavinjwa amanzi okanye amayeza wabo abaphila ngawo. Abantwana mabasiwe kumaziko ezempilo phambi kokuba boluke.” Utshilo.

Kananjalo akawuvalanga umlomo uMpathiswa weSebe lezolawulo ngentsebenziswano neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni uZolile Williams uye wathi, “Siyacela oMama bakhe bayeke lento yokuchaza intsuku zemigidi inkwenkwe ingekoluki kuba lonto ayihambiselani nesiko,” utshilo uWilliams.

Abazali babongozwa ukuba baqinisekise ukuba baketha iingcibi ezinamava kunye namakhankatha anamava.

ISebe lezemicimbi yemveli eMpuma Koloni linikezele ngezithuthi zokuqinisekisa ukuba amagosa azokwazi ukujikeleza iphondo lonke.

Luxolo Buli

18 EyeNkanga 2024