TARKASTAD- Kwiphondo leMpuma Koloni kusweleke abantu abalishumi elinesihlanu(15) kwiziganeko zengozi ezahlukeneyo kunye nabantu abalishumi elinesibhozo(18) abathe bonzakala ngokumandla. Ezona zinto ziye zaqapheleka kwezingozi, kukuqhuba ngokungenankathalo kunye nokuqhuba ngesantya esiphezulu.
Abonzakeleyo baleqiswe buphuthu-phuthu kwizibhedlele ezahlukeneyo. Eyona ngozi ibinobuzaza yenzeke ngeCawa umhla we-17 kweyeNkanga 2024, kuhola wendlela uR61 kwindawo yaseTarkastad.
Isithuthi sikawonke-wonke esiluhlobo lweToyota Quantum sitshayise inqwaba yemfuyo ebudunduluze endleleni waze umqhubi waphulukana noluwulo lwesithuthi sakhe. Abantu abathandathu(6) baye basweleka, abalishumi(10) bonzakala kakhulu.
OnguMphathiswa kwiSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni uXolile Nqatha uvakalise umothuko zeziziganeko ekwacengana nabaqhubi ukuba baqwalasele xa beqhuba ngobusuku, ukwadlulise namazwi wovelwano kwiintsapho zamaxhoba ekwanqwenelela impilo entle kwabo bathe babhungca.
UMphathiswa ucengana namafama ukuba ayijonge ngeliso elibukhali into yemfuyo edakasa ezindleleni ukuze zingenzeki iziganeko ezifana nezi.
Umfanekiso: uthunyelwe














