NQANQARHU- UYonela Mbaxa(29) ugwetywe iminyaka engamashumi amabini ethothoza kwezimnyama izisele ngokubulala isinqanda-mathe sakhe ngomkhono wekati ngenxa yokungamthembi uSibusiso Lawrence Ncedo, waphinda wathiwa nka kwaye ngeminyaka emibini eyongezelweyo yokugcina umpu ngokungekho mthethweni, ngomhla we-13 kule imiyo.
Esisiganeko senzeka ngempelaveki yomhla wama 27-28 kweyeThupha ngonyaka ka-2022 kwilali yaseNtyweka eNqanqarhu(Maclear).
Ngokwengxelo edizwe ligunya bantu lezotshutshiso(NPA) eMpuma Koloni ityatyadule yenjenje,”Esi sibini sasichithe ubusuku obumnandi kuhleliwe nabamelwane xa kwabakho ukungavisisani ngentsasa elandelayo.”
UMbaxa wafaka indoda yakhe imbumbulu ezimbini yaze yasweleka ngoko nangoko, emveni kokuba wayengayithembi xayayifuna ukuhamba endlini ngentsasa elandelayo.
Uvavanyo lokusweleka kwakhe ludakance inxeba lokudutyulwa nto leyo eyenza ukuba ubungqina buphikisane nale yona into awayeyithetha, esithi uNcedo wazama ngokwakhe ukuzibulala.
Ukongeza ngomhla wama-28 kweyeDwarha 2024, uMbaxa wavuma ukuba netyala ngazo zonke izityholo.
UMlawuli kaRhulumente wezolawulo zamatyala aseMpuma Koloni(DPP), uBarry Madolo usamkele isigwebo kwaye akawuvalanga umlomo ngamantyathelo athe athathwa yingalo yomthetho ngelithi, “Eli tyala libonakalisa ukubaluleka kokwenza uphando olunzulu kunyenokuqinisa isigwebo kwimekozodlakulo phakathi kwezithandani.”
Najengoko uMzantsi Afrika usilwa nomba okhulayo wobundlobongela phakathi kobudlelwane obusondeleyo, eli tyala lisebenza njengesikhumbuzo esibuhlungu seziphumo zeemvakalelo ezingaqwalaselwanga kunye nokungxamiseka koluntu olubeka phambili ubulungisa kumaxhoba.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli & Elam Zintle Tsita
15 EyeNkanga 2024
















Leave a Reply