MONTI- Zithe zanqakulwa ngamapolisa izikhakhamela zenkunzi-malanga, ooXholovane abaziwayo kwimbudede nembundandimunye yezixholo-xholo ezinodushe olukhatshwa bubundlobongela kwiphondo leMpuma Koloni.
Amadoda amathathu(3) abanjiweyo atyholwa, esoyanyaniswa nokufa kwabantu kwidolophu yaseMonti apha kwiphondo leMpuma Koloni.
Kukholeleka ukuba oku kufa kwabantu kwenzeka phakathi kweyeNkanga 2023 kunye neyeThupha 2024, nalapho kwathi kwadutyulwa umnini weTeksi, umqhubi kunye nelungu lombutho weeTeksi.
Isibini sabatyholwa sinqakulwe ngamapolisa wecandelo leqela lomsebenzi okhethekileyo(Special Task Team) ejongene nokulwa izenzo zobugebenga kunye nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela.
Esisibini besicondoba kuhle kofudo kubhaza-bhaza wendawo yeevenkile ebizwa ngokuba yi’Mall of Afrika’ kwindawo yaseMidrand eRhawutini ngomhla we-08 ngoLwesihlanu kule yeNkanga 2024.
Omnye unqakulwe ngoMgqibelo umhla we-09 walenyanga 2024 kwidolophu yaseMonti.
Bonke baye bathathwa ngamapolisa ukuze bahlatywe ngemibuzo.
Amapolisa afumene imikhono yeKati emine(4) eluhlobo lwePistol kunye neAK47, lemikhono yeKati ifunyenwe kubarhanelwa.Iye yathathwa, izakusiwa kwindawo ekuhlolwa kuyo imipu ukuze kujongwe kuphononongwe ukuba akungebi kanti lemikhono yeKati ibikhe yasetyenziswa na kwizenzo zolwaphulo-mthetho.
Kwabo bebenqakulwe eRhawutini isibini kubo sikhululwe.
Amapolisa awaphefumlanga kude kuqukunjelwe uphando.
Umfanekiso: ushicilelo levidiyo ethunyelweyo
















Leave a Reply