EZINDLELENI- Inene indlala iyenzisa kweli loMzantsi Afrika, oku kuza emveni kokuba ingxowa-mali yeengozi zendlela(RAF) ithe yajamelana nomkhwa omtsha apho abantu beqweba amaqhinga bezama ukugxotha ikati eziko ngokuthi baziphose phambi kwezithuthi ezihambayo ukuze baxhamle esisbonelelo.
Ingxelo edizwe yilengxowa ngomhla weshumi KweyoMnga 2024, izigxeke kanobomi ezizenzo kwaye ityityimbisele iminwe bonke abo baphembelela lomkhuba ngelithi abasoze bafumane nesheleni emdaka.
Othethela ingxowa mali yezengozi(RAF) uMcintosh Polela ugxininise ngelithi, ” Sifumana ingxelo kubaqhubi bezithuthi besithi abantu baxakile kwaye bazijilwa phambi kwezithuthi zabo, nathi sele sizibona kumakhasi onxibelelwano ezizityholo, kwaye akhomntu sizokumbhathala noba angonzakala kangakanani na. Kwaye lento yenza nje uxinizelelo xakufuneka kuphandiwe ukuba ingozi yenzeke njani”.
Lengxowa mali ikwatyatyadule ilumkisa ngelithi nabo bathe basweleka ngenxa yalomkhuba,nabo abazohlawuleka nangotshe welawu.
umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli
12 EyoMnga 2024













