MTHATHA- Ubalekana nengalo yomthetho uYongama Mrwetyana ojongene netyala lokuzama ukudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe(17), ityala lokuxhwila kunye netyala lobuqhophololo. Le mvumi yomculo wokholo ekwazibiza ngokuba ingugqirha owamiselwayo ityholwa ngokugqumza amabandla waseMthatha neziphaluka, ikwagqumze izikhuntyu kulutsha ngelithi izakubafaka kuMabonakude.
UYongama Mrwetyana unenkampani yakhe eshishina ngokuqeqesha abantu kwifilimu(AMAGUBEVU PRODUCTION), umrhumo wokujoyina yimali engange R1,500.00 kwilungu ngalinye. Ngomhla wama-20 kwinyanga yeNkanga 2024, uye wavulelwa amatyala awohlukeneyo ewavulelwa ngabantu abohlukeneyo kwisikhululo samapolisa waseMthatha(Central). Usagcwele amathafa, ekhatshaza ngootsolo-point bezihlangu etshintshana neendawo zokuhlala kuba ebalekana nengalo yomthetho.
Nanjengoko lo kaMrwetyana uberhwebesha abantwana abancinci aye nabo kumagumbi wosasazo i-SABC apho ubecela khona ixesha(Slot) lokuthengisa lonomgogwana wakhe womboniso bhanya-bhanya, kodwa ukuphuma kwakhe apho uye abafune ebhedini abo ahamba kunye nabo. Elinye lamaxhoba lithe, “uYongama Mrwetyana wakhaba ucango ndihlamba wangena efuna ukundidlwengula kuba ndingazange ndivume ukulala naye.”
Ingxelo enobungqina obuchanekileyo ithi lo kaMrwetyana wayendwendwele elaziko losasazo leSABC ehamba nentwazana eneminyaka eli-17, uye wacela ukusikelwa kulomhlaba ungezantsi, iqhuba ithi le ngxelo uthe akungasikelwa walishiya apho kwindawo yokulala ixhoba lingenayo netyhosha yokugoduka kuba lalixhomekeke kuye ngemali. Kusenjalo izolo kuye kwambonzeleka unina womntwana kwii-Ofisi zejelo leendaba i-Eastern Cape Daily News, unina womntwana ulizobe labuhlungu ibali nentlungu yokugezelwa ngulo wakwaMrwetyana.
Unina womntwana uthethe wenjenje, “uYongama Mrwetyana lo zange wandinika nenjani imali yokondla umntwana wethu, akamazi nokuba unxiba ntoni, utya ntoni, ufunda njani kwaye umntwana lo uquqa okwezulu laseMthatha kwizibhedlele ezohlukeneyo enyangwa isigulo sokuxhuzula,” utshilo.
Siye sancokola nabanye babalinganiswa walamabali kaYongama, ibali elithi ‘Noloyiso‘, ‘Isifungo‘, kunye nelithi ‘Kwelakhaya‘ omnye uthethe wathi, “uYongama into ayenzayo kukunxila imali yethu esiyisebenze nzima, kwaye abanye bethu abaphangeli kodwa kuba siwuthanda umbono besizincama, ayihambeli kwandawo le Projekthi yakhe kuba uxukuka ngotywala, alale kwangotywala enxila le mali yethu”.
Ukanti nentatheli yelijelo leendaba ithe nakuyo inyawo zinodaka, kuba yagqejwa imali yayo kunye nesuti yayo yomtshato ngulo kaMrwetyana.
Imigudu nemizamo yokunxibelelana nalo kaMrwetyana iwe phantsi nanjengoko engalubambi ucingo.
Emfanekisweni: Yongama Mrwetyana
umfanekiso: uthunyelwe














Leave a Reply