Advertisement

Indoda yase Ntabankulu izitye ziphila iimpethu zinquntsuza

NTABANKULU- UAvumile Bukwana uye kwivenkile yabemi bangaphandle ekuthiwa yiMfundisi eNtabankulu eyokuthenga ingxowa ye rice i5kg kanti uthenga iimpethu zodwa. Lo mfo uyithenge ngomhla we-10 kule imiyo lengxowa ngentsimbi yesihlanu wafika wayipheka ngorhatya malunga ngentsimbi yesibhozo nje ngesiqhelo engaqaphelanga ukuba kukho iimpethu kule rice wapheka watya.

Iingxelo zidiza ukuba uzokothuka ngentsasa xa ejonga embizeni xa esithi nazi zilityeli iimpethu xa eyojonga i5kg wafika zigcwele kuyo ngaphakathi zinquntsuza.

“Ivele yama ingqondo yam ndangazi nokuba ndithini kwaye bendingeke ndikwazi nokuyibuyisela kuba kaloku besendilahle neso siliphu bendinaso,” utshilo uAvumile.

Ukongeza uye wayithatha yonke i5kg wabonisa umntu ahlala naye kwaye emva koko wayoyilahla kwindlu yangasese.

“Bendiziva ndinxunguphele kakhulu emva kokufumana esi sehlo kuba bendingayazi izondenza ntoni lento ndiyityileyo ebolileyo,” wongeze watsho uBukwana.

Esi sisilumkiso sokuba siqwalasele nayiphi na into esiyithengayo kubemi bangaphandle kakhulukazi ngoku bedume ngezinto ezimbi.

Umfanekiso: uthunyelwe

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *