LIBODE- Iinkonzo zempilo kwisibhedlele iSt. Barnabas esizinze, eLibode simise inkqubo emveni kokuba kumoshakele umthombo wamanzi.
Oku kuza emveni kokuba kubiwe impompo yamanzi ethe yakhokela ukumiswa kwenkonzo zonyango ezibalulekileyo kwesi sibhedlele ngomhla wesixhenxe kule imiyo.
Iziphathi mandla kunye namagosa abambe indibano engxamisekileyo yamahlakani amaninzi, nebibizwe nguSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseNyandeni uCeba Banele Viwe Ndamase, ekunye noSodolophu womasipala wesithili saseOR Tambo uCeba Mesuli Ngqondwana kunye noMlawuli oyintloko wesibhedlele, ukuqulunqa isicwangciso sokusebenza kwangoko. Ebudeni bale ntlanganiso kuye kwaqinisekiswa ukuba umboneleli-nkonzo sele echongiwe ukuba akhawulezise ukulungisa nokubuyisela amanzi esibhedlele ngokukhawuleza.
Lemeko ikhokelele ekubeni izigulane zifuduselwe kwizibhedlele ezikufutshane ukuqinisekisa ukuba ziyaqhuba nokufumana unyango. Ukongeza lomasipala ukwa bongoze abahlali ukuba basebenzise iindawo bakuzo nezikufutshane nabo ukuze bafumane inkonzo ezingxamisekileyo zezempilo ngelixa iziko lase-St. Barnabas lisalungiswa.
USodolophu uNdamase ukugxekile oku, kwaye ememelela ukuba uluntu luhlangane ukukhusela iziseko zophuhliso karhulumente, “Kufuneka sonke sime ngokuchasene nokonakaliswa kwaye sixhasane ekukhuseleni amaziko ethu okhathalelo lwempilo. Ukuthenga izinto ezibiweyo kuqhubela phambili lo mjikelo wentshabalalo,”utshilo uNdamase.
Urhulumente wasekuhlaleni usebenza ngokuzimisela ukulungisa lemeko, ezinikele ekubuyiseleni utyando kwisibhedlele iSt. Barnabas kwiveki ezayo.
Najengoko uluntu lumi ngamandla ngeli xesha lesiphithiphithi, ukuqonda kunye nentsebenziswano yakho ibalulekile ekoyiseni lo mngeni.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxoli Buli & Zintle Elam Tsita
07 EyeNkanga 2024














Leave a Reply