Advertisement

Ukubhiyozela iiNkosi zemveli

MONTI- Iimbasa zeNkokheli zemveli zaseMzantsi Afrika (SATLAs), zisungule iimbasa zayo zokuqala ngqa ngomhla wokuqala kweyeNkanga 2024, kwiziko lengqungquthela zamazwe-ngamazwe eMonti.

Lomsitho ibingumbhiyozo wokuhlonipha izinto ezakhayo neziluncedo kuluntu ezenziwa ziiNkokheli zemveli kwiingingqi zazo.

Umseki nokwangu mlawuli oyintloko weSATLAs uNanziwe Rulashe-Nesi uthe, bafuna ukwenza ingxowa-mali yokufunda yabantwana abasokolayo beyiSATLAs kwaye aba bantwana ngabantwana abasuka ebukhosini.

“Sizokuthi enkosi ngokungazenzisiyo kwiiKumkani ngendlela eniqhuba ngayo kwangendlela enisiphethe ngayo kwaye zininzi izinto enizenzayo eningaqatshelwayo kuzo esingazaziyo,”wongeze watsho uRulashe-Nesi.

UMphathiswa wesebe lezemidlalo, ubugcisa kunye nenkcubeko eMpuma Koloni uSibulele Ngongo naye ebezokuzimasa ezimbasa ezokuzibonela ngawenyama uthethe wenjenje, “Abaququzeleli balomsitho besebenzisana namanye amaqumrhu bezenzela lomsitho, ingumsebenzi esiwuqhwabela izandla silisebe ephondweni kwaye sibakhuthaza ukuba abantu bakuthi bafunde indlela yokuphuma ngaphandle kuba ingxowa karhulumente ayonelanga.”

Ukongeza lomsitho ume njengesibane sokuqatshelwa, ukhanyisela abo bathe bangadinwa bagcina ilifa lenkcubeko elityebileyo loMzantsi Afrika ngelixa bejongene nemingeni yezentlalo noqoqosho kunye nezopolitiko.

Eyona Nkosi ikhongozele ezona voti ziliqela izokuwelwa ngumqa esandleni yokufumana isigxadavu sebhaki eluhlobo leToyota Hilux, evela ngokuzingca kwaCFO Mobility.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento kunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (CoGTA) uZolile Williams uthe, “Ndibongoza zonke iiNkosi zemveli neeKumkani ukuba zibuyele kwizithethe zethu kwaye zikhumbule ukuba singoobani na.”

Iintombi zenkciyo ziye zaqhudelana kwimibongo kwaze kwaphumelela ulnako Mateza kwindawo yokuqala waba nguMiss SATLA 2024 wafumana laptop exabisa R16 000 kunye nemali eyi R10 000, elandelwa nguSinomyalezo Maposela ofumane laptop exabisaR16 000 kunye nesixa semali esiyiR5000, elandelwa nguAwodwaMpangele ofumane laptop yeR16 000 kunye neR3000 yesixa semali.

Lomsitho ubalulekileyo, iSATLAs ibisenza ubuhlakani obuqinileyo neziKumkani ezohlukeneyo kwiMpuma Koloni iphela, ikhuthaza ubudlelwane bentsebenziswano obujongise ekuphakamiseni impumelelo yobuNkokheli beMveli ekujonganeni nemingeni yasekhaya.

Eli nyathelo ligxininisa ukuzinikela kombutho ekudaleni umanyano lwenkqubela phambili yentlalo kunye nokuxabisa inkcubeko.

Lo ibingaphezulu nje komsitho wamabhaso ibingumbhiyozo welifa lemveli, ukuxhotyiswa kunye nomoya woluntu oya kukhuthaza izizukulwana ezizayo.

Umfanekiso: SATLA Facebook

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *