CAWA- Izithyolo zithi inina ebeliyothenga inyama yenkukhu eluhlobo le’soup pack’ kuba lifuna into enomhluzi kwezingqele lidibene nomhlola wokufumana isifonyo sokuzikhusela kwiintsholongwane ngaphakathi kulenyama.
Esisehlo senzeke eCawa(Port Alfred) ngomhla wesine kule imiyo kwaye kutyholwa ukuba lenyama ithengwe kwivenkile yommi wangaphandle.
Umlawuli weKhula Project eMpuma Koloni uPetros Majola ubongoza abantu base Cawa ukuba bazijonge izinto abazithengayo kwaye baqaphele.”
Ikhona ingxaki apha noba kwenzekantoni sisezokutya izimanga ndiyakuxelela, sisazotya izihlunu zityeke kanti sitya inyama enedyasi kamkhwenyana,” utshilo uMajola.
InNkokheli yePort Alfred Crime Fighters uBonakele Moyikwa uthi kubantu aba bathengisayo ikakhulukazi abemi bangaphandle mabaqaphele ezi zinto bazithengisayo ukuba zililungele na uluntu.Utyatyadule wathi, “Kuyofuneka ezi supplier zenu nizibhence kuba kaloku zibulala isithunzi senu, ukungathenjwa kwenu kuya kukhula ngenxa yezehlakalo ezininzi,” wongeze watsho uMoyikwa.
Esisehlo siyasilumkisa ukuba siqwalasele nayiphi na into esiyithengayo ikakhulukazi kubemi bangaphandle.
Umfanekiso: uthunyelwe














Leave a Reply