DIKENI- Zimtye zamosulela entloko izinja zakhe, zimtyela kwakhe usomashishini owaziwayo waseDikeni, uMpumelelo Xiniwe(66) ngomhla wesibini kweyeNkanga 2024.
Ngokwengxelo edizwe lilungu losapho kuvakele ukuba uXiniwe ebehleli nomnye wabasebenzi bakhe bethetha ngomsebenzi ekuzofuneka bewenzile ngeCawa, kuthe xa begqiba kubonisana utata uXiniwe wamkhapha eyomkupha ngesango emveni koko wavala.
Endleleni eyongena endlini, zontathu ziye zamhlangabeza izinja zamqwenga kanobom.
Ezizinja ezilihlobo lwe’Pitbull’ zidale ukubetha-bethana kwezimvo kuluntu lwalenginqi bambi besithi ‘uzenzile akakhalewa.’
Ukongeza oziboneleyo ngamehlo esisehlo noye wazama unceda uthe, “Ndimve ekhwaza esithi Sibusiso, Sibusiso ndiyaphela ndaqonda manditsibe udonga ndizame ukumnceda kodwa ndohlulakala kuba bezingasafuni kuphazanyiswa ezizinja, nam zindilumile kodwa andonzakelanga kakhulu”, utshilo.
Nanjengoko umfi ebengu somashishini kamasingcwabane owaziwayo eDikeni, uXiniwe uleli kwindawo yakhe eyaziwa njenge Xiniwe & Associates Funeral Palour kwaye usapho lwakhe lusadandathekile sesisehlo.
Umfanekiso: uthunyelwe
Luxolo Buli
04 EyeNkanga 2024














Leave a Reply