Advertisement

Bakhuseleke phi kanti abantwana bethu?

QONCE- Amapolisa aseMpuma Koloni avule idokethi lophando emva kokubhubha kwentwazana eneminyaka elithoba(9) ubudala yaseZwelitsha eQonce, emva kokutyholwa ngokutya ipakethi yamashwam-shwam ngomhla we30 kule imiyo 2024.

Izityholo zityatyadula zigxininisa ukuba lentwazana ibisesikolweni ngethuba kwenzeka esisehlo kwaye yaleqiswa ekliniki apho iswelekele khona.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMpuma Koloni uWarrant Officer Majola Nkohli uthe, “Le ntwazana iquleke ngexesha lesikolo, ibonakalisa iimpawu ezimandla eziquka ubuthathaka nokuphuma amagwebu emlonyeni. Ngaphandle kwemigudu ekhawulezileyo yokumbalekisela kwikliniki ekufutshane, kalusizi kwathiwa ubhubhile.”

UNkohli wongeze ngelithi iimeko ezijikeleze esisiganeko zisaphantsi kophando olunzulu.

Umlawuli weKhula Community Development Project eMpuma Koloni uPetros Majola uvakalise inkxalabo yakhe malunga nokhuseleko lwabafundi ezikolweni, kwaye umemelela isebe lezemfundo eMpuma Koloni ukuba lithathe amanyathelo angqingqwa ukunqanda iintlekele ezizayo.

“Sibongoza iNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane ukuba iseke igqiza okanye ikomishini eza kuvavanya ukusebenza kwabathengisi kumasango esikolo, ibambisene noMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade, kunyanzelekile ukuba sibakhusele abantwana bethu,” utshilo uMajola.

Ukongeza esi siganeko sisikhumbuzo esicacileyo semfuneko yokwandiswa kwamanyathelo okhuseleko kumaziko emfundo ukukhusela abantwana abasemngciphekweni, nanjengoko kuqhutywa uphando, abazali nootitshala ngokufanayo bashiyeka nombuzo okhathazayo, singaqinisekisa njani ukuba izikolo zethu ziindawo ezikhuselekileyo zokufunda nokukhula?

Zintle Elam Tsita

31 EyeDwarha 2024

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *