MTHATHA- Abakwantsasana bakhangela izibhovu-bhovu zezibhongobhiyane ezibandakanyeka ekugwintweni kwentombi eneminyaka engama-28 kunye nomama osele ebuqina, oneminyaka engama-53.
Esisibini sigetyengelwe eNtokozweni, eBaziya phantsi kwedolophu yaseMthatha ngeCawa umhla weshumi kweyeNkanga 2024, kwisithuba sentsimbi yethoba(21h30) ebusuku.
Ezinkunyevu zenkuntsela zimbonzeleke kwikhaya lesibini esikhankanywe ngasentla, emveni koko savulela ngenqwaba yeembumbulu.
Aba basetyhini bayikhabe ngoko nangoko ibhekile, benabela uqaqaqa kwalapho kwindawo yexhwayelo. Okwangoku akukho mntu unolwazi ngonobangela wokubulawa kwesisibini kodwa amapolisa ayaphanda.
Amapolisa ayadomboza, eleleza, ecengana nabahlali bancedisane nawo kubanjwe abadyakalashe bezaphuselane.
Nceda undwendwele isikhululo samapolisa esikufutshane, kungenjalo unxibelelane noMcuphi waseCentral eMthatha uMhlekazi ULieutenant Colonel Ndzamela kwezinombolo: 082-442-0743, okanye utsalele inombolo yamapolisa engahlawulelwayo ku-08600 10111.
Soze lithiwe pahaa! igama lakho, uzakukhuseleka kangangoko.
Ikhwelo lityala mawethu.
















